UMTHETHO OYILWAYO
Ukubonelela ngokuqwalasela imigangatho yempilo kwiziKolo zamasiko olwaluko; ukubonelela ngemvume yokuqhuba inkqubo yolwaluko; ukugcina nesikolo solwaluko nokubonelela ngeemeko ezinokuba nobungozi.
UKUWISWA KOMTHETHO liqumrhu lephondo lowiso- mthetho liPhondo laseFreyistati ngolu hlobo lulandelayo:
Iinkcazelo
Kulo mthetho ngaphandle kokuba imeko ichazwe ngenye indlela -
ulwaluko" luthethe ulwaluko lomntu njengenxalenye yokwenza isiko;
" iSebe" kuthethwa iSebe lezeMpilo lePhondo;
uMphathi wezeMpilo weSithili" kuthethwa uMphathi wezeMpilo weSithili ekubhekiselelwe kuye kwicandelo lesi-2;
uNompilo woMmandla" kuthethwa umntu ekubhekiselelwe kuye kwicandelo lesi-8 ohlola iziKolo zoLwaluko;
igazethi" ithetha igazethi yePhondo ekwiPhondo;
"iNtloko yeSebe " kuthethwa iNtloko yeSebe lezeMpilo kwiPhondo;
ulwaluko" kuthethwa xa umntu ekulo naliphi inqanaba lenkqubo yokwaluka equlathwe kulo mthetho;
iziKolo zoLwaluko" zithetha iindawo apho kwakhiwe khona indawo ezibizwa ngokuba " ITHONTO", "IBHUMA", okanye "ISUTHU";
UMEC" kuthethwa ilungu leBhunga loMbuso elilawulayo elineemfanelo kwezeMpilo kwiPhondo;
" ugqirha" kuthethwa umntu obhalisileyo phantsi koMthetho wezobuChule bokuNyanga, we-1974 ( Umthetho wama-56 we-1974);
umzali" kuthethwa -
a umzali okanye umondli walowo wolukayo okanye walowo ulindeleke ukuba oluke okanye b umntu onelungelo lokugcina owalukayo okanye olindelekileyo ukuba aluke;
imvume" kuthethwa imvume kwimeko yoxwebhu elimiselwe kwisiHlomelo A nakwisiHlomelo B, esinikwe nguMphathi wezeMpilo weSithili ngokuphathelele kwicandelo 7 (a);
ukumiselwa" kuthethwa ukumiselwa ngumthetho;
isixhobo zokutyanda" kuthethwa isixhobo esisetyenziswa ekwenzeni ulwaluko, " isixhobo" sinentsingiselo engqinelanayo;
lo Mthetho" ukuquka imimiselo ephantsi koMthetho;
ibhunga lesiko" kuthethwa igunya lesiko elizinziswe ngokuphathelele kumthetho okwicandelo le-211 loMgaqo-siseko;
isixhobo somthonyama" kuthethwa isixhobo esisetyenziswa yingcibi ekwaluseni;
inkqubo yesiko" ukuquka inkqubo ngokwesiko, ngokwenkolo okanye eminye imithetho efana nale meko; kunye ingcibi" kuthethwa umntu oqeqeshiweyo nonamava ekwenzeni isiko lolwaluko nokunyanga abakhwetha.
Imvume yokuba nesiKolo soLwaluko okanye ukunyanga abakhwetha
 Umntu akanakuba naso isiKolo soLwaluko okanye ukunyanga abalukayo ngaphandle kokwenza isicelo sokufumana imvume ebhaliweyo kuMphathi wezeMpilo weSithili kwingingqi apho isiKolo soLwaluko sikhoyo okanye apho kuqhutyelwa khona ulwaluko: Ngaphandle kokuba esi siqwendana asisebenzi kunyango lalolwo walukileyo esibhedlele okanye kugqirha oqeqeshiweyo.
UMEC angamisela iinkqubo zokwenza izicelo eziquka:
a imvume nguMasipala waseKhaya;
b imvume libhunga lamasiko apho kuyimfuneko;
c imvume ngumzali walowo wolukayo ongaphantsi kweminyaka eli-18;
e isiqinisekiso samava nobuchule bokuba nesiKolo solwaluko.
UMphathi wezeMpilo weSithili okanye umntu oncedisa uMphathi wezeMpilo weSithili kwaye kukho uGqirha kufuneka kufundwe iimfuno ezimiselweyo ezichazwe kwifomu yesicelo kulwimi olusemthethweni olwaziwa ngulowo wenza isicelo semvume.
Ingcibi eyenza isicelo sokuba nesiKolo soLwaluko okanye ukunyanga abolukayo kufuneka igcwalise ixwebhu elimiselwe kwisiHlomelo B esikwiShedyuli kwaye uMphathi wezeMpilo weSithili kufuneka naye alityikitye ukuqinisekise ukuba iimeko ezichaziweyo zicaciswe ngokunzulu kwingcibi ngolwimi olwaziwa yingcibi leyo.
Imvume yomzali
Umzali walowo ulindeleke ukuba oluke ongaphantsi kweminyaka eli-18 ugcwalisa aze atyikitye ifomu emiselwe kwisiHlomelo C.
Umzali walowo wolukayo ukongeza kwiimfanelo zakhe njengomzali kufuneka anike uncedo nentsebenziswano ezinokucelwa nguMphathi wezeMpilo weSithili kwimpilo yalowo walukayo .
Lowo ulindelekileyo ukuba aluke oneminyaka eli-18 okanye ngaphezulu ongayifuniyo imvume yomzali kufuneka agcwalise aze atyikitye ifomu yemvume emiselwe kwisiHlomelo D.
Umntu ukuquka nomzali walowo walukayo akanakungenelela okanye athintele imisebenzi kaGqirha weSithili ngokwalo mthetho.
Abolukayo
( 1) Ubuncinane beminyaka yabo bafuna ukwaluka ili-16.
Bonke abo balukayo kufuneka babe nengxelo malunga nempilo yabo elungileyo engekho ngaphezulu kwiintsuku ezingama-90 kwaye nefomu emiselweyo evela kumongikazi okanye kugqirha phambi kokuba amkelwe kwisikolo solwaluko.
Lityala ukwamkela lowo ufuna ukwaluka kwisiKolo solwaluko ngaphandle kwefomu yemvume okanye imvume yomzali.
Ixesha lokwaluka alisayi kudlula kwiinyanga ezintathu zekhalenda.
 Umaluki akasayi kunyanga okanye azame ukunyanga omnye owalukayo nakuliphi inqanaba ngexesha okanye emva kokuba nesiKolo soLwaluko.
Zingcibi zodwa, ugqirha okanye uMphathi wezeMpilo weSithili okanye nawuphi umntu ogunyaziswe nguMphathi wezeMpilo weSithili onganyanga owalukayo.
Imvume yokuqhuba ulwaluko
 Umntu akanakuqhuba ulwaluko kwiphondo ngaphandle kwemvume yoMphathi wezeMpilo weSithili.
a Umntu kufuneka enze isicelo njengoko kumiselwe kwimvume yokuqhuba ulwaluko kwaye loo mvume iya kunikwa kuphela ukuba iimeko ezimiselwe kwisiHlomelo A zithotyelwe.
b UMphathi wezeMpilo weSithili anga:
i ngakuvumeli ukusetyenziswa kwesixhobo sokutyanda esifunwa ukusetyenziswa yingcibi; kwaye ii angamisela okanye anike isixhobo sokutyanda esifanelekileyo apho isixhobo esithile singavunywanga ngokuphathelele kumhlathana 1.
c Apho isixhobo sokutyanda esifanelekileyo simiselweyo okanye sinikiweyo ngokuphathelele kumhlathi b ii uMphathi wezeMpilo weSithili lowo okanye omnye umntu ogunyaziswe nguMphathi wezeMpilo weSithili kufuneka abonise okanye aqeqeshe ingcibi ekusetyenzisweni kwesixhobo eso.
d UMphathi wezeMpilo weSithili okanye umntu ogunyaziswe nguMphathi wezeMpilo weSithili kufuneka afunde iimeko ngolwimi lwaseburhulumenteni oluqondwa ngumntu owenza isicelo semvume.
e UMphathi wezeMpilo weSithili kunye nengcibi abacela isicelo sokuqhuba ulwaluko kufuneka bagcwalise ixhwebhu eliqulathe iimeko ezimiselwe kwisihlomelo A.
Umntu owenze isicelo kufuneka kwinyanga enye ukususela kumhla wesicelo afake isiqinisekiso sokuthobela iimeko ngokubhekiselele kwisiHlomelo A ukuba akanakwenza oko isicelo sakuphela.
Umntu onesicelo esiphelileyo njengoko kumiselwe kwisiqendwana 3 angenza isicelo esitsha kuMphathi wezeMpilo weSithili lowo kwaye ulungiselelo lwalo Mthetho lusebenza ukuba isicelo semvume senziwa okokuqala.
Amagunya nemisebenzi yoMphathi wezeMpilo weSithili
 Ukongeza kwamanye amagunya nemisebenzi emiselwe ngulo Mthetho uMphathi wezeMpilo weSithili kufuneka enze la magunya nemisebenzi elandelayo:
a anike imvume yokwalusa okanye yokunyanga owalukileyo;
b agcine iirekhodi namanani ngokuphathelele kulwaluko kwaye anike ingxelo ngoko njengoko kumiselwe liSebe;
d ayalele ukuvalwa kwesiKolo soLwaluko ukuba eso sikolo asifikeleli kwiimfuno ezichazwe kwicandelo 10 1 soMthetho.
UMphathi wezeMpilo weSithili unelungelo lokufikelela nakweziphi izakhiwo aye nakuyiphi imeko okanye indawo apho lwenzeka khona ulwaluko okanye ukunyangwa kwabakhwetha.
Ukunyulwa kukaNompilo woMmandla
UMEC kufuneka anyule uNompilo woMmandla abe mnye ubuncinane kwisithili ngasinye njengomhloli weziKolo zoLwaluko.
Imisebenzi neemfanelo zikaNompilo woMmandla
UNompilo woMmandla kufuneka ahlole isiKolo soLwaluko ukuqinisekisa ukuba -
i kukho amanzi awoneleyo acocekileyo;
ii kukho iinkonzo ezamkelekileyo zokuhlamba/zokuhlanjwa;
iii ukutya kulungiswa ngendlela ecocekileyo enempilo;
v akukho ezinye iimeko kummandla ezinganefuthe elingakhiyo kubomi okanye kwimpilo yabalukayongokuphathelele nakuwuphi omnye uMthetho, vi izixhobo ezisetyenziswayo kulwaluko zigcinwa, kwaye zilungiselelwa zize zisetyenziswe ngendlela engasayi kubeka umkhwetha kumngcipheko wengozi, wesifo okanye wokufa.
Izohlwayo
 Umntu ophula amalungiselelo amacandelo 2 , 3 nelesi-5 unetyala kwaye unemfanelo yokugwetyelwa ukubhatala isohlwayo okanye avalelwe ixesha kwiinyanga ezintandathu.
Umntu ophula amalungiselelo ecandelo 6 1 unetyala kwaye ukufanele ukugwetyelwa ukubhatala isohlwayo okanye avalelwe ixesha elingadlulanga kwiminyaka elishumi okanye valelwe iminyaka emihlanu ngaphandle kokubhatala isohlwayo
Ukubhena kwizigqibo ezenziwe nguMphathi wezeMpilo weSithili
 Umceli olindelekileyo wokuba nesiKolo soLwaluko okanye ukunyanga abalukayonokuqhuba ulwaluko angabhenela kwiNtloko yeSebe ukuba ngaba akanelisekanga zizigqibo ezenziwe nguMphathi wezeMpilo weSithili ngokuphathelele kumacandelo 2 nelesi-6 .
Isibheno kufuneka sifakwe kwiintsuku ezingama-30 emva kokwaziswa ngesigqibo soMpathi wezeMpilo weSithili.
Isibheno kufuneka sichaze:
a isigqibo eso kubhenelwa sona;
b imihlaba apho isibheno sisekeke kuyo.
INtloko yeSebe kufuneka iphendule kwiintsuku ezili-14 zokufunyanwa kwesibheno kwaye lowo ubhenayo kufuneka esazisiwe ngeziphumo.
Imimiselo
UMEC angenza imimiselo ngokuphathelele nakweyiphi imeko apho agcinga ukuba kufanelekile okanye kuyimfuneko yeenjongo zokuphumeza iinjongo zalo Mthetho.
Igama elifutshane
Lo Mthetho ubizwa ngokuba nguMthetho weMpilo weziKolo zaseFreyistati.
ISIHLOMELO A
IIMEKO ZOKUFUMANA IMVUME YOKUQHUBA ULWALUKO
Kufuneka kukho isiqinisekiso sesatifikhethi sokuzalwa okanye idompasi yalowo ufuna ukwaluka xa imvume ifunwa kubudala obuyiminyaka eli-18 ubuncinane okanye ukuba abazali balowo walukayo bacele ukwalusa kubudala obuyiminyaka eli-16.
Imvume yabazali kufuneka ifunyenwe ukuba lowo ulindelekileyo ukuba aluke ungaphantsi kweminyaka eli-18 ubudala.
Lowo ulindelekileyo ukuba aluke kufuneka kuqala axilongwe ngugqirha okanye ngunesi. Iphepha likagqirha kufuneka libonise kwimbali yempilo yalowo ulindelekileyo ukuba aluke ukuba ukulungele na ukwaluka.
Ingcibi eqhuba inkqubo yolwaluko kwindawo ephantsi kwebhunga lesiko kufuneka ichazele ibhunga elo laloo ndawo.
Apho ingcibi ingenamava okuqhuba inkqubo yolwaluko kufuneka ikuqhube oku phantsi kweliso lengcibi enamava.
Isixhobo esisetyenziswayo ukwenza ulwaluko esisetyenziswe komnye wabalukayo akufuneki siphinde sisetyenziswe komnye owalukayo naye.
Ingcibi kufuneka isebenzise izixhobo ezinikwe okanye ezimiselwe nguMphathi wezeMpilo weSithili ukuba ingcibi iza kwalusa ngaphezulu kwesinye kodwa ingenazo izixhobo ezaneleyo.
Ingcibi kufuneka igcine izixhobo ezisetyenziswa yiyo ekwaluseni zicocekile ngawo onke amaxesha phambi kokwalusa kwaye kufuneka isebenzise into emiselwe nguMphathi wezeMpilo weSithili ukuhlanzisa izixhobo.
Ingcibi kufuneka isebenzisane noMphathi wezeMpilo weSithili ngawo onke amaxesha ngokuphathelele kumgaqo onikiweyo okanye isigqibo esenziwe nguMphathi wezeMpilo weSithili ngokwamagunya akhe awanikwe nguMthetho
Ingcibi kufuneka igcine irejista apho ibonisa amagama abakhwetha, imihla abamkele ngayo, ukwalusa nokokuba abalukayobaya kugqiba okanye baya kuhlala ixesha elingakanani kwisiKolo soLwaluko.
Ingcibi ayisayi kwenza naluphi uhlobo lwesohlwayo esiqatha nakweyiphi imeko.
Okuqulathwe kwesi siHlomelo kufuneka kucaciselwe lowo walukayo okanye umzali wakhe.
Mna ..., ingcibi ndiyamkela kwaye ndiyavuma kwiimeko ezimiselwe kwisiHlomelo A kwaye ndiyavuma ukunika uMphathi wezeMpilo weSithili isiqinisekiso ngokuphathelele kukuthotyelwa kwiimeko ezingentla kwinyanga yomhla ongezantsi.
Ingcibi
Igama ...
Umhla ...
Mna ..., uMphathi wezeMpilo weSithili ndiyaqinisekisa ukuba iimeko ezimiselwe kwisiHlomelo A ingcibi izicaciselwe ngolwimi elwaziyo
UMphathi wezeMpilo weSithili
Igama ...
Umhla ...
ISIHLOMELO B
IIMEKO ZOKUFUMANA IMVUME YOKUQHUBA ULWALUKO
UMphathi wezeMpilo weSithili unegunya lokwenza unxaxho ekusetyenzisweni kwezixhobo zomthonyama kuphela kwiimeko apho kukho iimpawu zokuqala zokutyhefwa kwegazi okanye kwiimeko zempilo ezifanayo aze azingise ekusetyenzisweni kwezixhobo zokutyanda.
UMphathi wezeMpilo weSithili kufuneka avunyelwe yingcibi ukuba atyelele isiKolo soLwaluko njalo nangaliphi ixesha uMphathi wezeMpilo weSithili ebona ukuba kuyimfuneko ukuze ahlole impilo nemeko yomaluki.
Umaluki kufuneka ukuba avunyelwe yingcibi kwiintsuku zokuqala zolwaluka ukuba asele amanzi akumlinganiselo othuli ukuphepha ukoma.
Ingcibi akufuneki ibeke umaluki kwimeko eyingozi kwaye kufuneka ibe nenkathalo esemgangathweni ekuphatheni isiKolo soLwaluko.
Ingcibi kufuneka linike ingxelo ngazo naziphi iimpawu zokugula zomaluki kuMphathi wezeMpilo weSithili kwangoko.
Ingcibi kufuneka ihlale nabaluki iiyure ezingama-24 ngemini kwiintsuku ezisibhozo zokuqala zenkqubo yokwaluka, kwaye emva kokuphela kweentsuku ezisibhozo zokuqala zenkqubo yokwaluka kufuneka afumaneke kubaluki kwaye loo manyathelo abe kwiimeko ezifanelekileyo aya kuquka nokulahla iimethodi zomthonyama.
UMphathi wezeMpilo weSithili unegunya lokumisela nokunika naliphi inyathelo nakwiliphi inqanaba lwenkqubo yolwaluko kwimihlaba yakhe ukuba ubona kuyimfuneko yempilo elungileyo yomaluki kwaye kwaye elo nyathelo kufuneka libe kwimeko ezifanelekileyo ukuquka nokulahla iimethodi zomthonyama
Ingcibi kufuneka isebenzisane noMphathi wezeMpilo weSithili ngawo onke amaxesha ngokuphathelele kumgaqo onikiweyo okanye isigqibo esenziwe nguMphathi wezeMpilo weSithili ngokwamagunya akhe awanikwe nguMthetho.
Mna ..., ingcibi ndiyamkela kwaye ndiyavuma kwiimeko ezimiselwe kwisiHlomelo B kwaye ndiyavuma ukunika uMphathi wezeMpilo weSithili isiqinisekiso ngokuphathelele kukuthotyelwa kwiimeko ezingentla kwinyanga yomhla ongezantsi.
Ingcibi
Igama ...
Umhla ...
Mna ..., uMphathi wezeMpilo weSithili ndiyaqinisekisa ukuba iimeko ezimiselwe kwisiHlomelo B ingcibi izicaciselwe ngolwimi elwaziyo
UMphathi wezeMpilo weSithili
Igama ...
Umhla ...
ISIHLOMELO C
Mna ...
Idilesi yendawo yokuhlala
igama lalowo ulindeleke ukuba aluke, oya kwisiKolo soLwaluko kwaye oza kwaluswa, kwaye ndiyavuma ndiziqonda iimeko zokufumana imvume zokuqhuba ulwaluko kunye neemeko zokufumana imvume yokuba nesiKolo soLwaluko okanye ukunyanga abaluki iimeko ezithi zibophelele ingcibi kunye nemvume yokuya komntwana wam kwisiKolo soLwaluko nokuba aluswe.
UTYIKITYO NGUMZALI
Igama ...
Umhla ...
AMANGQINA:
ISIHLOMELO D
Mna ...
Idilesi yendawo yokuhlala
Ndiyaqinisekisa ukuba njendingolindelekileyo ukuba aluke , ndiya kwisiKolo soLwaluko kwaye ndiza kwaluka, kwaye ndiyavuma ukuba ndiyaziqonda iimeko zokwaluka kunye neemeko zokufumana imvume yokuba nesiKolo soLwaluko okanye ukunyanga abaluki iimeko ezithi zibophelele ingcibi kunye nemvume yokuya kwisiKolo soLwaluko nokwaluswa.
UTYIKITYO NGOLINDELEKILEYO UKUBA OLUKE
Igama ...
Umhla ...
AMANGQINA:
IMEMORANDAM
Injongo yalo Mthetho oyilwayo kukulawula iziKolo zoLwaluko ingakumbi ulwaluko lwabantu ngexesha lenkqubo yokwaluka, ukwenzela ukuyila ummandla okhuselekileyo apho ulwaluko lunokwenzeka khona. Lo Mthetho uyilwayo, phakathi kwezinye izinto unika inqwalaselo kwimigangatho yempilo yeziKolo zoLwaluko, ukunika imvume yokwalusa nokugcina iziKolo zoLwaluko kwiPhondo.
Isiqendu soku-1
Esi siqendu sithetha ngeenkcazelo zamagama ahlukeneyo asetyenziswa kuMthetho oyilwayo.
Isiqendu sesi-2
Esi siqendu senza kube ngqongqo kuye nawuphi umntu ofuna ukuba nesiKolo soLwaluko okanye ukunyangwa komaluki ukwenza isicelo kuMphathi wezeMpilo weSithili sengqingi leyo.
Isiqendu sesi-3
Esi siqendu simisela ukuba ngubani ekufuneka anike imvume malunga nolindelekileyo ukuba aluke ongaphantsi kweminyaka eli-18.
Isiqendu sesi-4
Esi siqendu simisela ubuncinane beminyaka efunekayo kolindelekileyo ukuba aluke emkwamkelweni kwisiKolo soLwaluko, iminyaka eli-16 ubudala. Kwaye ikwalityala ukwamkela umaluki ngaphandle kwemvume okanye kwemvume yalo mzali.
Isiqendu sesi-5
Esi siqendu asimvumeli umaluki ukuba anyange okanye azame ukunyanga omnye.
Isiqendu sesi-6
Esi siqendu simisela ukuba ngubani ekufanele aluse kwisiKolo soLwaluko, indlela yokuqhutywa kolwaluko kwaye loo mntu kufuneka afumane imvume ebhaliweyo kuMphathi wezeMpilo weSithili walo ngingqi ukuba aluse.
Isiqendu sesi-7
Esi siqendu simisela amagunya nemisebenzi yoMphathi wezeMpilo weSithili, umzekelo, ukunika imvume yokwalusa okanye yokunyanga umaluki okanye ukuthumela umaluki kwiziko lezempilo.
Isiqendu sesi-8
Esi siqendu sibonelela ngokonyulwa koNompilo woMmandla.
Esi siqendu simisela imisebenzi neemfanelo zikaNompilo woMmandla ekufuneka ahlole isiKolo soLawulo ukuqinisekisa phakathi kwezinto, ukunikezelwa kwamanzi acocekileyo, ukuhlanjwa kweeenkonzo nekhusi elaneleyo.
Esi siqendu sinika amanyathelo okohlwaya kubantu abaphula amacandelo athile oMthetho.
Esi siqendu sibonelela ngenkqubo emayilandelwe ngabo bacela izicelo kwaye izicelo zabo zokuba neziKolo zoLwaluka zingaphumelelanga kwaye izibheno kufuneka zibhekiswe kubani.
Esi siqendu sinika uMEC amagunya okwenza imimiselo ngokuphathelele nakweyiphi imeko enokufuneka okanye ilangazelelwe ekuphumezeni iinjongo zoMthetho.
Esi siqendu sinika igama elifutshane
Isihlomelo A
Isihlomelo A simisela iimeko zokufumana imfume yokwalusa ekufuneka ityikitywe nguMphathi wezeMpilo weSithili kunye nengcibi.
Isihlomelo B
Isihlomelo B simisela iimeko zokufumana imvume yokuba nesiKolo Solwaluko okanye ukunyanga abalukayo ekufuneka sityikitywe nguMphathi wezeMpilo kunye nengcibi.
Isihlomelo C
Isihlomelo C simisela ifomu ekufuneka igcwaliswe ngumzali ngokunxulumene nemvume.
Isihlomelo D
Isihlomelo D simisela indlela yemvume yomaluki
